ISIKHUSELO ESOMILEYO SOKUBILISA
Isixhobo sokukhusela ngokuvala ngci siya kusebenza ngokuzenzekelayo ukuba iketile
kungenzeka iswitsheke ngengozi ngaphandle kwamanzi, okanye ngaphandle kwamanzi
awoneleyo ukukhava ielementi, okanye ngokuvumela ukubilisa ngokomileyo. Ukuba isixhobo
sokukhusela ngokuvala ngci senziwe sasebenza, yivumele iketile yakho iphole kangangemizuzu
embalwa phambi kokuyizalisa kwakhona, ukuvumela isixhobo sisete kwakhona. Esi sikhuselo
sokhuseleko sisebenza kuzo zonke iimodeli.
UKUYIKHATHALELA NOKUYICOCA
Phambi kokuyicoca, yikhuphe kwiplagi iketile yakho uyiyeke iphole.
1. Umphandle: Yisule ngelaphu elifumileyo, uze ngelomileyo.
- Musa ukuzisebenzisa izikhuhli –ziya kuyikhuhla imiphezulu yeplastiki.
- Musa ukuwusebenzisa umgubo wokukhuhla, okanye naziphi na ezinye iimveliso
njengoko zinokutshintsha ibala leketile yakho.
2. Umphakathi: Yisule nge-sodium bicarbonate kwilaphu elifumileyo. Yihlambulule ngenyameko.
Nangona iketile yakho iza nesihluzi, kusadingeka ukuba uwucoce rhoqo umphakathi (kunye
nesihluzi).
3. Isihluzi: Nokuba uyihlambulula ngaphantsi kwetephu okanye usebenzise ibhrashi ethambileyo,
(okanye ucoce iketile xa ushenxisa ikhemikali kwisixhobo). Yihlambulule ngenyameko.
4. Kwiindawo zamanzi anzima, kuyimfuneko ukushenxisa ikhemikali, ,kunye neempawu
ezenziwa kukufakwa kwamanzi eketileni njengoko oku kungabangela umsebenzi waphambi
kwexesha weswitshi yokomisa ukubilisa. Kukho izicoci zeketile/izishenxisi
zekhemikaliezahlukeneyo ezikhupha izikali neempawu ezifumanekayo kwiisuphamakethi,
kwiikhemesti, nakwezinye iivenkile.
UKUSHENXISA IKHEMIKALI
1. Xa ilayimskeyile isakheka kwielementi etshisayo, thenga isishenxisi sekhemikali
esifanelekileyo uze ushenxise ikhemikali kwiketile yakho.
2. Ilayimskeyile iyalandisa ixesha lokubilisa amanzi kwaye ingayibangela itshe ielementi. Emva
kokushenxisa ikhemikali, bilisa amaxesha amaninzi ngamanzi amatsha, uze uwachithe.
Shenxisa naziphi na izishenxisi zekhemikali kwiketile njengoko zingawonakalisa amalungu.
3. Ezinye iindawo zelizwe zinamanzi abutshokhwerha. Oku kwenza amanzi abilisiweyo
akhangeleke ebunkungurha kwaye ashiye into emacaleni eketile. Oku kuqhelekile kodwa
kungashenxiswa ngokucoca okuqhelekileyo.
4. Isiqinisekiso asiyi kukhavarisha iketile eyonakele ngenxa yokungashenxiswa kwekhemikali.
5. Ukuphelelwa kombala wendawo engaphakathi yeketile kungenxa yeemeko zamanzi endaweni
yakho akuyi kuthathwa njengokungasebenzi kakuhle.
6. Kucetyiswa ukuba uyicoce rhoqo iketile yakho.